Andikufumananga okundonwabisayo emhlabeni owomileyo Apha yonke imizamo yam ifana nokuleqa umoya Ndiyavuma ukuba wonke umntu usisiqithi nje Kanjalo ke kwawulunga ndiwushiye umhlaba ndinikele khona elwandle Noxa ndizamile yaye ndizinikezele Noxa iinzingo namahlandinyuka alo mhlaba Endikhafulela ngaphandle kolwandle, O he, nina bo Matilosi Iphupho lami belikukuba ngumlindi weenqanawa Bonke abasemhlabeni bayayithanda igolide Nendlela abahamba ngayo ikhanyiselwa yiyo Kukhona omatiloshe ebunzulwini naphakathi kolwandle Bona bonwabela ukuchitha ixesha labo esigcakini elangeni Nangona ndizamile ngakho konke okusemandleni am Ndazama nokumelana neenzingo namahlandinyuka alo mhlaba Ndithatheni nindise khona elwandle, o nina bo Matiloshe Iphupho lentliziyo yam kukuba ngumlindi weenqanawa Niyazi ukuba ababini bangayenza into ebeyingenakwenziwa ngumntu omnye Futhi kanjalo bazuze umvuzo obafanele ngomsebenzi wabo Okuhle nokubi okuza kubo bahlulelana phakathi Ndawukuvuma oku nakowuphi na umsebenzi onzima nobuhlungu Nangona ndizamile ngakho konke okusemandleni am Ndazama nokumelana neenzingo namahlandinyuka alo mhlaba Ndithatheni nindise phakathi elwandle, o nina bo Matiloshe Iphupho lenhliziyo yam kukuba ngumlindi weenqanawa
© Gcina Mhlope. Inguqulelo, 2015