Akukhathaliseki ukuba usisikhonkwane okanye isando Akukhathaliseki ukuba impangelo yakho iyaphelelwa Akukhathaliseki ukuba wake walibanjwa iminyaka entolongweni Wena nje bulela ukuba usaphila! Ayithethi nto eyokubhubha komhlobo obewudlala naye amkhadi Ayithethi nto eyesithandwa sakho esikuxelele ukuxoki Ayithethi nto eyokuba bonke bakuphoxile bakwenza isidenge Wena nje bulela ukuba usaphila         Uze ungadakumbiswa zintlungu zomvandedwa Uze ungadakumbiswa kukuba ukhabe indlu yeenyosi Uze ungadakumbiswa kukufa isiqaqa esibhedlele Wena nje bulela ukuba usaphila! Akunani noba uzifumana uhleli bhaxa elutulini Akunani noba amashwa ayazenzela de akongamele Akunani noba ezakho iingxwaki zigqithisile Wena nje bulela ukuba usaphila!         Yinyaniso ukuba kufanele ngojongane neziphoso zam Yinyaniso ukuba ndim oyikhethayo indlela endiqhuba kuyo Ewe kakade, yinyaniso emsulwa! kodwa umphefumlo wam onxungupheleyo uyamangala Ngubani kanye lo kufanele ndimbulele ngokuba nje ndisaphila?                
© Gcina Mhlope. Inguqulelo, 2015